27. amaJuda azibophelela ekulimiseleni eli siko lokuba wona, ndawonye nezizukulwana zawo, nabo bonke abazibandakanya nawo, soze aphazame ekubeni ezi ntsuku zimbini kunyaka ngamnye zibe zezemibhiyozo ngokwemigqalisela yexesha elimisiweyo.
28. Ezo ntsuku ke zaziya kukhunjulwa zibekelwe bucala zizo zonke izizukulwana, nayiyo yonke imizi, kuzo zonke iziphaluka, nakuzo zonke izixeko. Ewe, le mihla yeqashiso ayisoze iyeke ukubhiyozelwa ngamaJuda, kanti nokukhunjulwa kwayo soze kutshitshe phakathi kwenzala yawo.
29. Ngoko ke ukumkanikazi uEstere, intombi ka-Abhihali, ndawonye noModekayi umJuda babhala ngegunya elikhulu, bebeka umnwe kwesi saziso sesibini mayela neMihla yeePuri.
30. UModekayi wathumela izaziso ezibhaliweyo kuwo onke amaJuda akumaphondo alikhulu mashumi mabini nesixhenxe ombuso kakumkani uAsuwerosi, kuzo evakalisa amazwi eminqweno emihle engqinela ukunyaniseka kwakhe,
31. ukuze kumiselwe le Mihla yeePuriOko kukuthi “iMihla yamaQashiso” ngamathuba ayo. Kaloku ezi ntsuku zamiselwa nguModekayi umJuda enokumkanikazi uEstere, zaza zaba sisivumelwano samaJuda ndawonye nenzala yawo ngokuphathelele kumathuba awo okuzila nokulila.
32. Ke isihlokomiso sikaEstere sabek' umnwe kule migqalisela yeMihla yeePuri,Oko kukuthi “iMihla yamaQashiso” saza ke sabhalwa kwingcombolo yeembali.