Uestere 9:16-23 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kananjalo amaJuda awayekwamanye amaphondo kakumkani aqokelelana azikhusela azikhulula kwiintshaba zawo. Abulala iintshaba ezingamashumi asixhenxe anesihlanu samawaka. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.

17. Le ntlekele ke yehla ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga uAdare, aza ke amaJuda aphumla ngomhla weshumi elinesine, olo yalusuku lwezidlo nemivuyo.

18. Kambe ke wona amaJuda aseSusa aqokelelana ngomhla weshumi elinesithathu noweshumi elinesine, aza ke ngomhla weshumi elinesihlanu aphumla, yalusuku lwawo lwezidlo nemivuyo.

19. Kungenxa yesi sizathu ke le nto amaJuda ahlala emaphandleni ezilalini ezingabiyelwanga ngodonga alukhethileyo usuku lweshumi elinesine lwenyanga uAdare elwenza umhla wemivuyo nezidlo, imini yeholide aphana ngayo izipho.

20. Ke kaloku uModekayi wazibhala ezi ziganeko, wathumela izaziso kuwo onke amaJuda akwiziphaluka zikakumkani uAsuwerosi, ezikude nezikufuphi,

21. ewayalela ukuba enze imibhiyozo minyaka le ngosuku lweshumi elinesine nolweshumi elinesihlanu kwinyanga uAdare.

22. Elo ibe lithuba lokukhumbula ukukhululeka kwamaJuda kwiintshaba zawo, inyanga apho usizi lwawo lwaguquka lwaba luvuyo, isingqala sawo sajika saba ngumhla wemibhiyozo. Wabhala ewakhuthaza ukuba ezo ntsuku azenze ithuba lezidlo nemivuyo, anikane izipho zokutya, abonelele namahlwempu ngezipho.

23. Ngoko ke amaJuda ayiqhuba loo mibhiyozo ayeseleyiqalile, enza ngokomyalelo obhalwe nguModekayi.

Uestere 9