Uestere 8:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwangaloo mini ke ukumkani uAsuwerosi wawunikela kukumkanikazi uEstere umzi kaHaman owayelutshaba lwamaJuda. Ke uModekayi weza kungena kwakumkani, kuba ukumkani wayexelelwe nguEstere indlela abazalana ngayo.

2. Ukumkani wawukhulula emnweni wakhe umsesane wakhe wokunyathelisa, lowo wayebuye wawohlutha kuHaman, waza wawunika uModekayi. Ke uEstere wawunikezela kuModekayi umzi kaHaman.

3. Ke kaloku uEstere wabuya wathetha nokumkani, eguqe ezinyaweni zakhe elila. Wambongoza ukuba alitshitshise iyelenqe lokutshabalalisa amaJuda elaliqulunqwe nguHaman um-Agagi.

4. Waza ke ukumkani wathatha intonga yakhe yokulawula yegolide, wayolulela kuEstere, waza ke yena waphakama wema phambi kokumkani.

5. UEstere wathi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ukuba uyandamkela, ubona ukuba yinto entle le, ube nam undithakazelela, makukhutshwe isihlokomiso esitshitshisa esiya sikaHaman unyana kaHamedata um-Agagi, eso wayesibhalele ukutshabalalisa amaJuda kuzo zonke izithili zikakumkani.

6. Uthi ndingathini kodwa ukusinyamezela isithwakumbe esinje phezu kwabantu bakowethu? Ndingathini ukubukela amawethu etshatyalaliswa?”

7. Ke kaloku ukumkani uAsuwerosi wamphendula ukumkanikazi uEstere enoModekayi umJuda wathi: “Ngenxa yokuba uHaman ehlasele amaJuda, umzi wakhe ndiwunikezele kuEstere. Ke yena uHaman ndimxhome emthini olungiselelwe oko.

Uestere 8