1. Kwangaloo mini ke ukumkani uAsuwerosi wawunikela kukumkanikazi uEstere umzi kaHaman owayelutshaba lwamaJuda. Ke uModekayi weza kungena kwakumkani, kuba ukumkani wayexelelwe nguEstere indlela abazalana ngayo.
2. Ukumkani wawukhulula emnweni wakhe umsesane wakhe wokunyathelisa, lowo wayebuye wawohlutha kuHaman, waza wawunika uModekayi. Ke uEstere wawunikezela kuModekayi umzi kaHaman.
3. Ke kaloku uEstere wabuya wathetha nokumkani, eguqe ezinyaweni zakhe elila. Wambongoza ukuba alitshitshise iyelenqe lokutshabalalisa amaJuda elaliqulunqwe nguHaman um-Agagi.
4. Waza ke ukumkani wathatha intonga yakhe yokulawula yegolide, wayolulela kuEstere, waza ke yena waphakama wema phambi kokumkani.