Uestere 6:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ke izicaka zikakumkani zathi kuye: “Nankuya uHaman emi enkundleni.”Ukumkani wathi: “Mngeniseni.”

6. Akungena ke uHaman ukumkani wathi kuye: “Uthi makwenziwe ntoni ngomntu aziva efuna ukumwonga ukumkani?”Ke uHaman wacinga ngaphakathi kwakhe wathi: “Ngubani omnye ongawongwa ngukumkani ngaphandle kwam?”

7. Ngoko ke uHaman waphendula ukumkani wathi: “Loo mntu afuna ukumwonga ukumkani

8. makanxitywe umnweba wobukhosi owakhe wanxitywa ngukumkani, aze akhweliswe ihashe elisetyenziswa ngukumkani, elo lihonjisiweyo lada labekwa imbasa yakomkhulu entloko.

9. Ke umnweba lowo nehashe elo malinikwe elinye lawona matshawe kakumkani aphambili. Mabamfake loo mnweba ke umntu afuna ukumwonga ukumkani, baze bamkhwelise kwelo hashe, bamkhokele ahamba-hambe kwizitalato zesixeko, bona bahambe bekhwaza besithi: ‘Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!’ ”

10. Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”

11. Ngoko ke uHaman wawuthatha umnweba lowo nehashe elo, wamambathisa uModekayi, wamkhwelisa ehashini, wahamba phambi kwakhe, ekhwaza esithi: “Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!”

12. Kamva ke uModekayi wabuyela esangweni kwakumkani apho. Ke yena uHaman wagoduka ethe nxokotho edanile.

Uestere 6