11. Ngoko ke uHaman wawuthatha umnweba lowo nehashe elo, wamambathisa uModekayi, wamkhwelisa ehashini, wahamba phambi kwakhe, ekhwaza esithi: “Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!”
12. Kamva ke uModekayi wabuyela esangweni kwakumkani apho. Ke yena uHaman wagoduka ethe nxokotho edanile.
13. Akufika ekhaya wabalisela umkakhe uZereshi kunye nezihlobo zakhe zonke ngako konke okwakumhlele ngaloo mini.Ke abacebisi bakhe ndawonye nomkakhe uZereshi bathi kuye: “Ukuba ke lo mfo unguModekayi okuthobe kangaka engowohlanga lwamaJuda, akunako ukumelana naye – ngokuqinisekileyo wena uza kutshabalala!”
14. Bathe besathetha naye njalo agaleleka amaphakathi kakumkani, aza ke emka naye ngokukhawuleza uHaman, amsa kwelo theko lalilungiswe nguEstere.