1. Ke kaloku ngobo busuku ukumkani waphuthelwa, waza ke wathi makuziswe incwadi yeembali zeengcombolo zolawulo lwakhe. Yeziswa ke, yafundwa esiva ukumkani.
2. Apho kuyo ke kwafunyaniswa ukuba uModekayi wadiza iyelenqe likaBhigetan noTereshi amaphakathi okumkani awayefuna ukubulala ukumkani uAsuwerosi. La maphakathi ayengabalindi bamasango.
3. Ukumkani wabuza wathi: “Yeyiphi imbeko newonga uModekayi alenzelweyo ngenxa yesi senzo?”Izicaka zikakumkani ezazimlungiselela zathi: “Zange enzelwe nto.”