9. Ke uHataki wabuya wenza ingxelo kuEstere ngako konke okwakuthethwe nguModekayi.
10. UEstere ke wayalela uHataki ukuba athi kuModekayi:
11. “Onke amaphakathi kakumkani kunye nabantu bonke bezithili zakomkhulu bayazi ukuba xa indoda okanye umfazi engene phakathi kwibhotwe lokumkani, engakhange abe umenyiwe, umthetho kakumkani mnye qwaba: kukuba umntu lowo abulawe kuphele. Umntu onjalo usindiswa kukuba ukumkani asuke amkhombe ngentonga yakhe yolawulo yegolide. Kambe ke sezidlule iintsuku ezimashumi mathathu emva kokuba ndandikhe ndabizwa ngukumkani.”
12. Akuba uModekayi exelelwe ngamazwi kaEstere,
13. wabayalela ukuba bamphendule uEstere bathi: “Uze ungazikhohlisi ngokuthi kuba wena ulapho endlwini kakumkani, nguwe wedwa oya kusinda kumaJuda xa ewonke.
14. Kaloku xa uthe wathula wee cwaka ngeli thuba lentlekele, hleze luvele lona usindiso lwamaJuda, kodwa ke luthi gqi ngankalo yimbi, ube ke phofu wena nendlu kayihlo uza kutshabalala. Kambe ke, ngubani owaziyo, mhlawumbi wabekwa kwesi sikhundla sasebukhosini khon' ukuze ujongane namaxesha anje.”