Uestere 4:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku akuyiva into ehlileyo uModekayi wazikrazula iimpahla awayezinxibile, wafaka ezirhwexayo, wazigalela ngothuthu, wangena esixekweni ehamba ebhomboloza kabuhlungu.

2. Wahamba wee xhaxhe ngamasango asebhotwe, kuba wayengavumelekanga ukungena khona umntu onxibe ezirhwexayo.

3. Kuwo onke amaphondo apho safikelela khona esi saziso somyalelo kakumkani amaJuda alila ezimathontsi, azila ukutya, atsho ngesingqala, enxibe ezirhwexayo, ezigalele ngothuthu.

Uestere 4