Uestere 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva kwezo ziganeko ukumkani uAsuwerosi wawonga uHaman unyana kaHamedata um-Agagi, wamphakamisa wamnika esona sihlalo siphezulu kunazo zonke ezinye izikhulu.

2. Zonke izicaka zikakumkani apho esangweni zaguqa zakhahlela kuHaman ngokomyalelo kakumkani ngoHaman lowo. Kambe ke yena uModekayi zange aguqe akhahlele apho kuHaman.

3. Ke izicaka zikakumkani ezazilapho esangweni zabuza uModekayi zathi: “Ngani ukuba wena ungawuthobeli umyalelo kakumkani?”

4. Mihla le zazithetha naye ngale nto, kodwa yena engavumi ukuthobela loo myalelo. Ngoko zamxelela uHaman ngoModekayi lowo, zifuna ukuqonda ukuba sonyanyezelwa na eso simo sikaModekayi, njengoko wayezixelele ukuba yena ungumJuda.

5. UHaman akuqonda ukuba uModekayi akavumi ukuguqa akhahlele kuye, wasuka wanomsindo.

6. Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.

Uestere 3