5. Ke kaloku apho komkhulu eSusa kwakukho umJuda wendlu kaBhenjamin ogama linguModekayi unyana kaJayire, kaShimeyi, kaKishe.
6. Yena ke wathinjwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem waya naye eBhabheli engomnye wâbo babethinjwe noJoyakin ukumkani wakwaJuda.
7. UModekayi lo ke wayenomzala ogama linguHadasa awayeze naye apho eBhabheli kuba eyinkedama engenatata namama. Le ntombi ke, egama limbi lalinguEstere, yayimile kakuhle iyinzwakazi. UModekayi lo ke wayithatha njengomntwana wakhe yakuba iswelekelwe nguyise nonina.
8. Uthe ke wakuba ubhengeziwe umyalelo nesihlokomiso sikakumkani kweziswa iintombi ezininzi apho komkhulu eSusa, zanikezelwa ukuba zigcinwe nguHegayi. NoEstere ke wasiwa apho ebhotwe, waselugcinweni lukaHegayi owayejongene nenkundla yababhinqileyo.
9. Le ntombi inguEstere ke yamkholisa ngokupheleleyo. Ngoko nangoko ke wayixhasa ngezinto zobuhle, eyityisa ooni nooni. Wamnikezela esandleni sabafazi abasixhenxe abâkhethwa kwalapho komkhulu, waza ke uEstere nâbo bafazi bahlaliswa kwawona magumbi aphambili kwelo cala lababhinqileyo.
10. Ke kaloku uEstere lo wayengazange azichaze imvelaphi nohlanga lwakhe, kuba uModekayi wayethe makangazixeli.