10. Ke kaloku uEstere lo wayengazange azichaze imvelaphi nohlanga lwakhe, kuba uModekayi wayethe makangazixeli.
11. Mihla le uModekayi wayesoloko ehamba-hamba apho ngakuloo nkundla, eze kuqonda ukuba kuqhubeka ntoni na ngoEstere.
12. Phambi kokuba intombi iye kukumkani uAsuwerosi kwakufuneka ithathe ishumi elinambini leenyanga iphathwe ngemigqalisela yobuhle eyayimiselwe ababhinqileyo. Iinyanga ezintandathu yayithambisa amafutha emore, ngezinye ezintandathu ithambise ubulawu neziqholo.
13. Lo mcimbi ke wawuqhutywa ngolu hlobo ukuze intombi leyo isiwe kukumkani: nantoni na eyifunayo yayiyinikwa, iyithathe apho kwelo cala lababhinqileyo, iye nayo kwibhotwe likakumkani.
14. Yayingena khona ngorhatya, ize kusasa ibuyele kwelinye icala kwalapho kwelababhinqileyo, ngoku ibe sesandleni sikaShashagazi, iphakathi likakumkani elalijongene namaqadi. Ke kaloku emva koko yayingaphindeli kukumkani ngaphandle kokuba abe ukholisiwe yiyo. Xa kunjalo ke wayeyibiza ngegama.
15. Lithe ke lakufika ithuba likaEstere (intombi leyo eyayigcinwe nguModekayi, iyintombi kayisekazi uAbhihayili) ukuba aye kuvela phambi kokumkani, yena akafunanga nto yimbi ngaphandle kwezo zinto wayezicetyiswe nguHegayi iphakathi likakumkani elalijongene nenkundla yababhinqileyo. Ke yena uEstere wamkholisa wonke umntu owambonayo.
16. UEstere ke wasiwa kukumkani uAsuwerosi phakathi ebhotwe apho wayehlala khona ngoTebhete inyanga yeshumi kunyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAsuwerosi.
17. Ke kaloku ukumkani lowo wakhangwa ngendlela eyodwa nguEstere lowo; ewe, kuzo zonke ezo ntombi ayikho eyawelwa ngukumkani njengoEstere lowo, yena wamkholisa ngokugqithisileyo. Ngoko ke ukumkani wathwesa uEstere iqhiya yobukumkanikazi, wamfaka esikhundleni sikaVashiti.
18. Ukumkani ke wenzela izikhulu namaphakathi akhe itheko elikhulu egameni likaEstere. Wamisela iholide kuwo onke amaphondo awayephantsi kwakhe, wasasaza izipho zazininzi, ziphuma esandleni sikakumkani.
19. Zathi xa zihlanganisene okwesibini ezo ntombi waye yena uModekayi ehleli ngasesangweni apho kwakumkani.