1. Ke kaloku kwakungunyaka wokuqala wokulawula kukaDariyo unyana ka-Asuwerosi. WayengumMedi ngokomnombo, kodwa waba ngukumkani wamaKaledi.
2. Ke ngalo nyaka wakhe wokuqala elawula mna Daniyeli ndandicamngca ngale ndawo kwizibhalo ezingcwele ngokomlomo *kaNdikhoyo *kumshumayeli uJeremiya ethetha ngeminyaka emashumi asixhenxe ekufuneka iJerusalem ihlale iphanzisiwe.
3. Ndabhekisa kwiNkosi uThixo, ndazibika kuyo ngomthandazo, ndizila ukutya, ndinxiba ezirhwexayo, ndizigalela ngothuthu entloko.