Udaniyeli 8:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku xa ukumkani eBhelshazare wayekunyaka wesithathu elawula, ndaphinda mna Daniyeli ndanomnye umbono emva kwalaa mbono wokuqala.

2. Kulo mbono ke ndazifumana ndikwisixeko esinqatyisiweyo iShushan, esithilini sase-Elam. Ndabona ndimi phezu komlambo iUlayi.

3. Apho ke phezu kwaloo mlambo ndabona nantso inkunzi yegusha eneempondo ezimbini ezinde kunene. Olunye lwazo ke lwalulude kunolunye, kodwa lona lwaluphume mva.

Udaniyeli 8