1. Ngonyaka wokuqala engukumkani eBhabheli uBhelshazare uDaniyeli waphupha iphupha wafikelwa ngumbono engqondweni yakhe elele emandlalweni. Walibhala iphupha, esalatha ingcombolo yalo,
2. wathi: “Embonweni wam ebusuku ndabona kubhudla imimoya, ivela macala omane, yaza ke yaluduba nolwandlekazi.
3. Suka ke kwathi gqi qhaphu amarhamncwa amane amakhulu, ephuma elwandle, elo nelo lahlukile kwelinye.
4. “Elokuqala lalifana nengonyama, koko linamaphiko njengokhozi. Ndithe ndisabukele suka amaphiko lawo ancothuka. Laza ke elo rhamncwa laphakanyiswa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo ngokomntu. Kananjalo lasuka lanengqondo yomntu.
5. “Kwakhona kwathi gqi irhamncwa lesibini linjengebhere, limi liziphakamisile ngelinye icala. Emlonyeni laliphethe iimbambo ezintathu ngamazinyo alo. Kwathiwa kulo: ‘Phakama, utye inyama kangangoko!’