20. Akusondela kuwo ke wakhwaza engxunguphele, wathi: “Daniyeli! Daniyeli! Sicaka soThixo ophilayo! Ube nako na ukukuhlangula kwezo ngonyama uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke?”
21. Waphendula ke uDaniyeli wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!
22. UThixo wam uthumele isithunywa sakhe, sayivala imilomo yeengonyama, azandenzakalisa. Ewe, azindenzakalisanga kuba ndifumaniseke ndimsulwa phambi kwakhe, kwanjengokuba ndingazange ndakona nganto nawe, mhlekazi!”
23. Wavuya gqitha ke ukumkani, waza wayalela ukuba uDaniyeli akhutshwe apho emngxunyeni. Akukhutshwa ke wafumaniseka engenawo nomkrwelo lo, kuba kaloku yena wayekholose ngoThixo wakhe.
24. Ukumkani ke wayalela ukuba abanjwe loo madoda ayemangalele uDaniyeli. Wathi makathathwe neentsapho zawo, abafazi nabantwana, baza ke bebonke baphoswa apho emngxunyeni weengonyama. Bathi ke, bengekafiki nasezantsi, zabaganga iingonyama, zawanqwamza amathambo abo.
25. Ngoko ke ukumkani uDariyo wabhalela zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi ehlabathini jikelele, wathi: “Ngamana kunganda ngokugqithisileyo ukonwaba kuni nonke!