Udaniyeli 6:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngoko ke aya kukumkani, afika athetha naye malunga nomthetho awenzileyo, athi: “Kanene, mhlekazi, ubungapapashanga umthetho na othi kwiintsuku ezimashumi mathathu makungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, usithi othe wayenza loo nto uya kuphoswa emngxunyeni weengonyama?”Ukumkani ke waphendula wathi: “Ewe, kunjalo, ndikwenzile oko, yaye lowo ngumthetho ongenakutshitshiswa wamaMedi namaPeshiya.”

13. Aza athi ke la madoda kukumkani: “UDaniyeli ongomnye wabathinjwa bakwaJuda akakuhoyanga, mhlekazi, akawuthobeli nalo mthetho uwuwisileyo. Usaphikele ukuthandaza kathathu ngemini.”

14. Akukuva oku ukumkani watsho wadideka mpela, waza wenza unako-nako wokucinga icebo lokuhlangula uDaniyeli. Ewe, kwaba yiloo nto lada latshona ilanga.

15. Aphinda ke la madoda eza egxalathelana kukumkani, athi: “Khumbula kaloku, mhlekazi, ukuba ngokwemithetho yamaMedi namaPeshiya umthetho nommiselo owenziwa ngukumkani awunakuguqulwa.”

16. Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba alandwe uDaniyeli; waza ke waphoswa apho kuloo mngxuma weengonyama. Wathetha naye ke wathi: “Akwaba angakuhlangula uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke.”

17. Ke kaloku umngxuma lowo wavalwa ngelitye, waza ukumkani walitywina ngomsesane wakhe nangaleyo yezikhulu zakhe, khon' ukuze imeko kaDaniyeli ingabi nakuguqulwa.

Udaniyeli 6