15. Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.
16. Ndivile ukuba unako ukuchaza intsingiselo yezinto, ukhulule namaqhina. Ukuba ngoku unokundifundela lo mbhalo, undichazele nentsingiselo yawo, ndingakuthi wambu ngomnweba omsobo, uthiwe gatya nomxokelelwana wegolide, umiselwe ube ngowesithathu kubalawuli beli lizwe.”
17. UDaniyeli ke waphendula wathi kukumkani: “Ungazidubi ngokundinika izipho; okanye ke zinike mntu wumbi! Ke wona umbhalo lo, ndiza kumfundela ukumkani, ndimchazele nento oyithethayo.
18. Mhlekazi! Uyihlo uNebhukadenezare wanikwa intonga yobukhosi nguThixo uPhezukonke, wamenza mkhulu, wamthi jize ngobungangamsha nobuhandiba.
19. Ngangobukhulu awayebunikiwe abantu bezizwe zonke, iintlanga, neelwimi ngeelwimi, xa bebonke, babekhahlela kuye bengcangcazela besoyika. Athanda ukumbulala wayembulala, amsindise athanda ukumsindisa. Wayemnyusela athanda ukumphakamisa, aze amkhiqe athanda ukumthoba.
20. Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.
21. Ewe kaloku, wagxothwa eluntwini, watsho wabulwanyanarha. Wahamba waya kuhlala neembongolo zasendle, watya ingca njengeenkomo, elalelwa ngumbethe wezulu. Wada ke wavuma ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo izirhulumente zabantu, ikwanguye omisela kuzo loo mntu athanda ukummisela.
22. “Kambe ke wena, Bhelshazare, nyana wakhe, uthe uyazi yonke le ngcombolo akwazithoba.