4. Iingcali zeenkwenkwezi zamphendula ukumkani ngesiAram, zathi: “Bayethe, kumkani! Phila ngonaphakade! Khawuzilawulele iphupha elo izicaka zakho, khon' ukuze zibe nako ukukuchazela into eliyithethayo.”
5. Ke yena ukumkani waziphendula iingcali zeenkwenkwezi wathi: “Nasi isigqibo endifikelele kuso: ukuba ke nina aninako ukundixelela iphupha elo, ngaphezu koko nindichazele nentsingiselo yalo, ndiya kuninqunqa nibe ziziqwenga, nemizi yenu idilizwe ibe yindawo ekuyiwa kuyo ngasese.
6. Kodwa ke ukuba niyandichazela iphupha elo kunye nentsingiselo yalo, ndiya kuninika umvuzo kunye nezipho, ndinithi jize ngewonga elikhulu. Ngoko ke ndichazeleni eli phupha kunye nento eliyithethayo.”