1. Kunyaka wakhe wesibini elawula ukumkani uNebhukadenezare waba namaphupha awamtsho wakhathazeka, waphuthelwa, akabi nakulala.
2. Ke ngoko wathumela ukuba kubizwe bonke abenzi bemilingo, oosiyazi, izanuse, neengcali zeenkwenkwezi, ukuze beze kumchazela iphupha lakhe. Bakuba befikile ke,
3. ukumkani wenjenje ukuthetha nabo: “Ndikhathazeke gqitha, kuba ndiphuphe iphupha endingalaziyo intsingiselo yalo.”
4. Iingcali zeenkwenkwezi zamphendula ukumkani ngesiAram, zathi: “Bayethe, kumkani! Phila ngonaphakade! Khawuzilawulele iphupha elo izicaka zakho, khon' ukuze zibe nako ukukuchazela into eliyithethayo.”