Udaniyeli 11:37-41 Ibhayibhile (XHO96)

37. Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.

38. Nto aya kuyenza kukunqula uthixo weenqaba – thixo lowo ke wayengaziwa nangooyise. Kodwa ke yena uya kumzukisa ngegolide, isiliva, namatye anqabileyo, nezinye izinto ezixabisekileyo.

39. Uya kuhlasela iinqaba ezomeleleyo, ekholose ngalo thixo wakhe wasemzini. Uya kubawonga abo bamvumayo lo thixo, aze ababeke ezikhundleni eziphezulu, abavuze ngemihlaba esisipho.

40. “Xa lisondelayo ixesha lesiphelo, ukumkani wasezantsi uya kuqubisana naye edabini, kodwa ke lo wasentla uya kuhla indulumbane kuye ngomkhosi weenqwelo, owamahashe, noweenqanawa. Uya kuzingenela azihlasele izizwe ezininzi, ukufika komkhosi wakhe kube ngathi kukugaleleka kwesikhukula.

41. Ewe, uya kude ahlasele nelizwe eliliqhayiya, oyise nezizwe ezininzi. Ke wona amaEdom namaMowabhi, kwakunye necandelo elikhulu lama-Amon, aya kuphuncuka esandleni sakhe.

Udaniyeli 11