Udaniyeli 11:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. “Ngoko ke uya kuzimisela ukuphuma nomkhosi wakhe uphelele. Ukulwaphul' iimpondo utshaba lwakhe uya kwenza imvumelwano nokumkani wasezantsi, aze azalamanise naye ngentombi ekhethiweyo. Kambe nelo icebo aliyi kuphumelela; liya kufadalala.

18. Kamva ke uya kuhlasela izizwe ezigudle ulwandle, azithimbe ezininzi. Kambe ke kovela injengele ethile, iziphelise iintlondi azenzileyo, yena angabi nako ukuziphindezela.

19. Kothi ke, kwakuba njalo, abuyele kwiinqaba zelakowabo. Kanti ke nalapho uya kukhubeka awe, iphel' intw' ibithethwa.

20. “Ukumkani omlandelayo uya kukhupha oonothimba ngenjongo yokulondoloza ubuhandiba basebhotwe. Ngexeshana elingephi naye uya kubulawa, phofu kungengangxabano nadabi.”

21. Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Endaweni yakhe ke kuya kungena umfo odelekileyo ongenaso isidima sobukhosi. Uya kungena kungekho mntu ulindeleyo, ubukhosi abuthathe ngobuqhophololo.

Udaniyeli 11