Udaniyeli 10:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndathi ndakukhangela ndabona indoda enxibe iimpahla zelinen, ibhinqe ngebhanti yegolide ecwengileyo.

6. Umzimba wayo wawubengezela okwelitye elinqabileyo, ubuso bayo bunjengombane, ke amehlo wona enjengezibane ezivuthayo. Iingalo zayo nemilenze zazimenyezela ngathi lubhedu olukhazimlisiweyo, ilizwi lona livakala ngathi yingxokolo yabantu abaninzi.

7. Lo mbono ke wabonwa ndim ndodwa mna Daniyeli. Amadoda endandikunye nawo wona zange awubone, koko asuka arhwaqela, aphakuzela, aya kuzimela.

8. Ke mna ndasala ndodwa ndiwubukele loo mbonokazi. Ndasuka ndavikiveka, nobuso bam bambatsha, ndaphelelwa tu ngamandla.

9. Ndayiva ke ithetha, ndathi ndisaphulaphule njalo ndalala obunzulu ubuthongo, ubuso bam bujongise emhlabeni.

10. Ndeva ndichukunyiswa sisandla, sandimisa ngamadolo kunye neentende zezandla zam ndigevezela.

11. Loo ndoda ke yathi kum: “Daniyeli, ungumfo oxabiseke kunene. Kambe ke phakama, ume kuloo ndawo ukuyo, uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona, kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, kodwa ndisangcangcazela.

Udaniyeli 10