9. Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
10. UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe.
11. Kaloku uAmos uthi: ‘UJerobhowam uza kufa likrele, amaSirayeli wona athinjwe afuduswe emke kweli lizwe.’ ”
12. Waza wabhekisa kuAmos uAmaziya, wenjenje: “Hamb' umke, mbonindini! Hamba ubuyele kwilizwe lakwaJuda, uphangele uzuze isonka sakho ngokushumayela apho.
13. Uzungabuye uphinde ushumayele apha eBhetele. Le yindawo yokunqulela ukumkani; esi sisibingelelo sakomkhulu.”
14. Wathi uAmos ukuphendula uAmaziya: “Mna andinguye umshumayeli, ndingenguye noweqela labashumayeli abahlawulwayo. Ndingumfuyi mna, ndaye ndilima amakhiwane.
15. Ndisuswe *nguNdikhoyo koko kufuya. UNdikhoyo uthe kum: ‘Yiya ushumayele kubantu bam amaSirayeli.’
16. Phulaphula ke, ulive ilizwi likaNdikhoyo. Wena uthi: ‘Musa ukushumayela kuwo amaSirayeli, ungathethi lizwi lichaseneyo nendlu kaIsake.’
17. Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”