Uamos 7:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani.

2. Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”

3. UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.

4. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.

Uamos 7