1. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani.
2. Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”
3. UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.
4. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.