Uamos 6:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,nee ngqendevu kwezo sofa zenu,nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.

5. Nivukwa yinkenkqe yakutsho ihapu,niqambe ingoma nixelise uDavide.

6. Nizibetha zichuchumale iindebe yiwayini,niziqhole ngawexabiso amafutha,ningabi nantlungu ngokutshabalala kwendlu kaJosefu.

7. Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,aphele loo matheko enithe zava kuwo.

8. INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”

9. Kumzi ekukho ishumi lamadoda kuwo, aya kufa.

10. Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”

11. Niyabona, uthethile uNdikhoyo;umzi omkhulu uwudiliza ube ngamabhodlonomncinane ube ziintanda.

12. Akhe aphale na amahashe emaweni?Ngaba ukho olima apho ngeenkabi zeenkomo?Kodwa nina ubulungisa nibujike baba yityhefu,nokunyaniseka nakutsho kwaba likhala elikrakrayo.

Uamos 6