Uamos 5:18-27 Ibhayibhile (XHO96)

18. Mawoo kwabo balangazelela imini *kaNdikhoyo!Ngaba kanene kuni loo mini yoba yimini enjani?Imini kaNdikhoyo yoba sisithokothoko sobumnyama, ingabi kukukhanya.

19. Koba ngathi umntu ubaleka ingonyama,aye kugagana nebhere.Koba ngathi umntu ungena endlwini, abambelele eludongeni,suka alunywe yinyoka kweso sandla.

20. Imini kaNdikhoyo iya kuba bubumnyama, ingabi kukukhanya.Yoba sisithokothoko sentsunguzi engenalitha.

21. “Ndiwathiyile, ndiwacekisa amatheko enu,andinamdla konke yimisitho yenu.

22. Loo madini atshiswayo niwenzayo, kunye naloo minikelo yenu yeenkozo, andiyi kuyamkela;andiyi kuyisa so konke iminikelo yenu yobudlelane yeenkomo ezityetyisiweyo.

23. Niyandifundekela ngezo ngoma zenu;andifuni nokusiva isandi sezo hapu zenu.

24. Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.

25. “Ndlu kaSirayeli, yayingendim enanimxhelela,nimenzela amadini iminyaka emashumi mane entlango.

26. Ngoku ke niza kuyithwala loo mifanekiso kaSikuti, loo kumkani wenu,kunye nokaKiyuni, inkwenkwezi yothixo wenu enazenzelayo,

27. kuba ndizimisele ukunigxothela kude lee ngaphaya kweDamasko,apho niya kuba ngabathinjwa khona.”Utsho uNdikhoyo.NguThixo onamandla onke igama lakhe.

Uamos 5