Uamos 4:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Abanye benu ndababhubhisa ngalaa ndlela ndabhubhisa iSodom neGomora ngayo.Nina nasinda ngathi sisikhuni sixwilwe emlilweni,kodwa anifuni kude nibuyele kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12. “Ke ngoko, Sirayeli, ndophinda ndikwenze konke oku.Ke, njengoko ndiza kwenjenjalo,zilungiseleleni, maSirayeli, ukuhlangana noThixo wenu.”

13. Ulodala iintaba, adal' umoya,ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.

Uamos 4