1. Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli,kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa:
2. “Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi;yiyo ke loo nto ndiza kunohlwaya ngenxa yobugwenxa benu bonke.”
3. Bakha bahamba kunye na ababini bengavani?