Uamos 2:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo elakwaJuda,zitshe ziphele nqu iinqaba zaseJerusalem.”

6. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba amaSirayeli ayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku wona azuza imali ngokuthengisa ngabantu abathembekileyo,ihlwempu lona ananise ngalo ngeembadada.

7. Iindwayi azinyhasha iintloko zibe luthuli,zona iimpula-kalujaca azitsho ziphume endleleni.Unyana noyise babolekisana ngenkazana enye,benyelisa igama lam elingcwele.

8. AmaSirayeli ahamba ezandlala kumaqonga ngamaqonga,etsho ngezambatho azithimbileyo,endlwini yothixo wawo asele iwayini ayithathe kubantu abadliweyo.

9. “Ndim kaloku owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwamaSirayeli –nditsho eziya ngxilimbela zibude bunga ngumthi womsedare,nokomelela kunga ngum-oki,ndazitshabalalisa iziqhamo zawo phezulu,ndazisiphula iingcambu ezantsi.

10. Ndim owanikhupha eJiputa,ndanikhapha amashumi amane eminyaka nisentlango,nada naya kuhlutha umhlaba wama-Amori.

11. Ndim owenza abanye boonyana benu baba *ngabashumayeli,abanye baba ngamalolo kaNdikhoyo?Akunjalo yini na, bonyana bakaSirayeli?”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12. “Loo malolo nina niwangxale iwayini,*kubashumayeli nathi: ‘Musani ukushumayela.’

13. “Mna ke ndiza kunenza nixinge apho nikhoyo,oku kwenqwelo exinga kukuzala zizithungu.

Uamos 2