Kwabaseroma 8:28-34 Ibhayibhile (XHO96)

28. Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

29. Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.

30. Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.

31. Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

32. Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

33. Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?

34. Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona?

Kwabaseroma 8