1. Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande?
2. Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
3. Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4. Ngokunjalo ngokubhaptizwa sangcwatywa kunye noKrestu. Njengokuba ke uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngamandla obungangamsha bukaYise, nathi ngokunjalo masiphile ubomi obutsha.