7. Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
8. Ke kaloku ndithi, uKrestu waba ngumkhonzi wamaJuda, ukubonisa ukuba uThixo unyanisekile, uyazizalisekisa izithembiso awazenzayo *kumanyange.
9. Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,ndiliculele indumiso igama lakho.”
10. Kananjalo zithi:“Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.”
11. Kananjalo:“Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga;yibongeni, nonke nina zizwe.”
12. Kananjalo noIsaya uthi:“Liya kubakho iHlumelo likaJese.Uya kuvela oya kulawula iintlanga.Ziya kuthembela kuye izizwe.”