Kwabaseroma 13:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

11. Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa.

12. Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya.

13. Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani.

14. INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

Kwabaseroma 13