Kwabaseroma 12:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

13. Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

17. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.

18. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

Kwabaseroma 12