Kwabasekolose 4:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele.

9. Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.

10. Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.)

11. NoYesu onguYusto uyabulisa. Ngâba kuphela kumakholwa amaJuda abândincedisáyo emsebenzini wokuvakalisa ulawulo lukaThixo. Futhi ke bayintuthuzelo kum.

12. Uyabulisa uEpafra, isicaka sikaKrestu Yesu, okwangowakuni. Uthe rhoqo ukunithandazela ukuba nime ningahexi, nikhule, nizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni intando kaThixo.

13. Nam ndiyangqina ukuba akaphumli esebenzela nina nabaseLawodike nabantu baseHirapoli.

Kwabasekolose 4