1. Njengoko kaloku navuswa kunye noKrestu, yibani nomdla kwizinto zasezulwini, apho akhoyo uKrestu, ehleli kwiwonga alinikwe nguThixo.
2. Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.
3. Kaloku nafa; ngoko ke ubomi benu busafihlakele kunye noKrestu kuThixo.
4. UKrestu bubomi benu; ngoko ke, akubonakaliswa yena, nani niya kubonakala ningoomaqhuzu kunye naye.
5. Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
6. Izimilo ezinje zizondwa yingqumbo kaThixo.
7. Nani ke ngokuyâ naningekaguquki naniziphethe ngolu hlobo.
8. Kodwa ke ngoku zilumleni kuzo zonke ezi zinto: ingqumbo, iphuku, ububi, ukuthuka, nokuthetha krwada.