Kwabase-Efese 6:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bantwana, bathobeleni abazali benu nimanywe neNkosi nje, kuba kulunge kanye ukwenjenjalo.

2. “Beka uyihlo nonyoko.” Lo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi:

3. “Uya kuba namathamsanqa, nemihla yakho yolulwe emhlabeni.”

4. Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

5. Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni, ninentlonipho, niqhutywa kukunyaniseka, ngokungathi nikhonza uKrestu ngenkqu.

6. Ningatshakazi nenze izinto ngenjongo yokuzithandekisa ebantwini, koko yenzani ukuthanda kukaThixo ngomxhelo wenu wonke, njengezicaka zikaKrestu.

7. Umsebenzi wenu wenzeni ngemincili, ngokungathi niwenzela iNkosi, aniwenzeli mntu.

8. Ze nikhumbule ukuba umntu ngamnye uya kuvuzwa yiNkosi ngomsebenzi omhle, nokuba loo mntu sisicaka nokuba akasiso.

Kwabase-Efese 6