Kwabase-Efese 5:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

13. Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo;

14. kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”

15. Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha.

16. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

17. Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.

18. Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,

19. nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo.

Kwabase-Efese 5