1. Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza;
2. nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
3. Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
4. Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
5. INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye.