5. Kwizizukulwana ezingaphambili abantu abazange balwaziswe olu daba. Kodwa ngoku uThixo ulutyhilile ngaye uMoya oyiNgcwele, kubo *abathunywa *nabashumayeli bakhe.
6. Olu daba ke lolokuba iintlanga ziziindlamafa ndawonye namaJuda, zibandakanywe nawo. Bonke bayimbumba yamanyama. Nazo ziyabuxhamla ubuncwane bezithembiso zikaThixo ezenziwa kuYesu Krestu.
7. Zinjalo ke iindaba ezimnandi endingumququzeleli wazo ngenxa yesisa uThixo andenzele sona ngokusebenza kwamandla akhe.
8. Mna ndingoyena mncinane kubantu bakaThixo. Kodwa uThixo undinike ilungelo lokuba ndishumayele iindaba ezimnandi ezintlangeni, ndithethe ngobubele obungaphicothekiyo bukaKrestu,