Kwabase-Efese 2:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ngoko ke weza washumayela iindaba ezimnandi zoxolo, kuni nina babekade bekude, nakwabo bebekufutshane kakade.

18. Kaloku sonke, amaJuda kwaneentlanga, singena ngoKrestu, siye kufikelela kuBawo ngenkqu, sikuMoya omnye.

19. Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo.

Kwabase-Efese 2