Kutito 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bakhumbuze abantu ukuba yimfanelo yabo ukuthobela abasemagunyeni nabalawulayo, kwakunye nokwenza okulungileyo ngalo lonke ixesha.

2. Baxelele ukuba mabangahambi bethetha ulwimi ngabantu, behamba besilwa, koko mababe nobulali nembeko kuye wonke ubani.

3. Kaloku khumbula ukuba nathi bekhe sazizidenge, sineenkani, silahlekile. Sasibotshwe yiminqweno neziyolo zeendidi zonke. Sasihlala intlalo yasebubini, silawulwa ngumona. Sasicatshukelwa, nathi sibacaphukela abantu.

4. Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu

5. wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.

6. Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu.

7. Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.

8. Athembekile loo mazwi.Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu.

Kutito 3