Kutito 1:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko.

7. Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali,

8. kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa.

9. Kufuneka ayithande imfundiso yodaba oluthembekileyo, ukuze abanike imfundiso ephilileyo abaphulaphuli, akwazi ukubakhalimela abachasayo.

10. Ngenene baninzi abavukeli abalahlekisa abanye ngemfeketho, ingakumbi abo basuka kwinkolo yobuJuda.

Kutito 1