4. Ndibhalela uTito, unyana wam ngenene ngokwaselukholweni esidlelana ngalo. Ndithi: Kuwe makube sisisa noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, noKrestu Yesu uMsindisi wethu.
5. Ndakushiya apho eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, ngakumbi ke ukuba umisele amadoda amakhulu kuzo zonke iidolophu ngokomyalelo wam kuwe. Yiyo le loo miyalelo:
6. Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko.
7. Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali,