9. Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu,mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa.Bayidela imimiselo yomnqophiso,nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.
10. ‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,ndibe nguThixo wabo,bona babe ngabantu bam.
11. Abayi kuba safundisana ngamelowo umntakwabo,elowo ummelwane wakhe,besithi: “Yazini iNkosi;”kuba bonke baya kundaziukususela koyena mncinanekuse koyena mkhulu.