10. ‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,ndibe nguThixo wabo,bona babe ngabantu bam.
11. Abayi kuba safundisana ngamelowo umntakwabo,elowo ummelwane wakhe,besithi: “Yazini iNkosi;”kuba bonke baya kundaziukususela koyena mncinanekuse koyena mkhulu.
12. Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”
13. Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.