Kumahebhere 7:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.

4. Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.

5. Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.

6. UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.

7. Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.

8. Ngokwesiko lababingeleli izishumi zithathwa ngabantu abafayo, kanti ke yena uMelkizedeki uthathe izishumi engongqinelwa *naziziBhalo ukuba ungophilayo.

9. Ngoko ke singatsho ukuthi uLevi, nakuba zinikwa yena nje izishumi, kodwa wanikela izishumi ngoAbraham.

10. Kuba kaloku wayesesesinqeni sika-Abraham, ukudibana kwabo noMelkizedeki.

11. AmaSirayeli ukunikwa kwawo umthetho wawusekelwe ngobubingeleli bakwaLevi. Ke, ukuba ababingeleli babaLevi babegqibelele, ngekungabangakho mfuneko yakuba kuvele mbingeleli wumbi, nokwenza ingumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, ingelulo oluka-Aron.

12. Ngoko ke ukuguqulwa kobubingeleli kuveze imfuneko yokuba uguqulwe nomthetho.

13. Kaloku uYesu, lo kuthethwa ngaye apha, uphuma kwenye indlu, apho kungekho mntu wakha walungiselela eqongeni lamadini.

Kumahebhere 7