1. UMelkizedekiNdum 110:4 lo ke wayengukumkani waseSalem, engumbingeleli kaThixo uPhezukonke. UAbraham wathi evela edabini apho wayoyise ookumkani, wadibana noMelkizedeki owasuka wamsikelela.
2. Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.
3. UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.
4. Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.