3. Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu.
4. Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.
5. Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:“Wena unguNyana wam;namhlanje ndikuzele.”
6. Kwenye indawo uthi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,oya kuhlala ehleli.”
7. Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela.